





































ukuyishiya kwam iSankomota nangona sisakhumbulana, utshilo.
Kuye kwakho amarhe okuba uTshepo uza kubuyela kwiSankomota kwakhona.
Abantu bazichaze ngendlela engeyiyo iimvakalelo zethu sisakubhengeza ukuba sisengabahlobo. Ewe, ndingatsho ukuba sinoFrank singathanda ukucula kunye kwakhona kodwa oko kuya kubonakala ekuhambeni kwexesha.
Ukusukela oko wacula yedwa uTshepo ngo-1992, abalandeli bakhe
bambiza ngokuba yi-Village Pope ngenxa yendima yakhe entsha emculweni, enxiba imiwunduzo eqaqambileyo, echaza ubu-Afrika ephatha nenduku yokusimelela.
Izihlwele aziqhelanga umngqungqo ongaqhelekanga kuphela emculweni wakhe, koko uzinika nomculo ovuselelayo nothabathekisayo.
Njengoko ebelilungu leSankomota ukususela kwiminyaka yoo-70 ebeyimvumi ekhokelayo kumacwecwe
Ukuphola kukaTshepo kumenza enze umculo othandwa kakhulu ngabalandeli bakhe.

	Isoka - uyalithanda ikhitshi nanjengoko ekuthanda ukupheka.

aliqela, esingabalula kuwo elithi Dreams Do Come True, The Writings O The Wall nelithi Exploration -A Neu Phase.
Uyishiye ngo-1992 ngenxa yomnqweno wokuchaza okona kuthethwa ngumculo njengornnxulumanisi wezihlwele nezenkolo.
Washicilela icwecwe lakhe lokuqala elithi The Village Pope ngo-1993, nelazuza imbasa yegolide. Icwecwe lakhe lesibini elithi Lets Hold Hands alishicilele ngo1 994 laba yimpumelelo ngokufanayo nelokuqala.
Ufunwa ngapha nangapha ukuba azocula, kwaye ebexakeke unyaka wonke ngo-1995.
Ndibona ukhula umculo waseMzantsi-Afrika. Ndiyimvumi nje kwiqela elizinikele ekuwuboneni uqapheleka umculo waseMzantsi-Afrika,
Kungoku nje ubalasele umculo waseMzantsi-Aftika. Kufuneka nje siwenze waziwe ehlabathini, nanjengoko besikade sicinezelwe, phofu ke ngoku izinto azisemntakaNgqika.
Ndibona lithembisa ngokuqaqamba ingomso. Mna ndifak isandla kuphela, ngabantu abangabagwebi, uqwele ngelitshoyo uTshepo ehleka. 








Amacwecwe







UMPHENGULULI:
Bongani Hlatshwayo









Icwecwe elithi Township ChiId IIkaSIPHO MABUSE yingqokelela ebonakalisa ukuvuthwa kwale mvumi emculweni. UMabuse udibanise izandi nomngqungqo womculo weminyaka eyadlulayo nezanamhlanje Lingumculo waseMzantsi- Afrika ngokwenene kwaye uzele zizingqisho zokudanisa,
lcwecwe alithiye ngaye uKEITH SWEAT Iingumlingo. UKeith Sweat uyaqhubeka nokubonakalisa ulwazi
oluphangaleleyo kweli cwecwe Iakhe Iitsha. Uhlanganise iingoma zomjuxuzo nezipholileyo.
Nangona icwecwe
Lika-ARTHUR elithi Die Poppe Sal Dans
linegama elingaqhelekcinga.
luyakonwabela ukulicula nokulijuxuzela ulutsha. Icwecwe elitsha lika-Arthur Vuvuzela linengoma eyayidumile ngaphambili ethi Daai Ding nayicula ngokutsha.
lcwecwe alithiye ngaye uLOUISE ulicaphule kwimvelaphi yakhe enzima yepop. ULouise wayelilungu leqela lamantombazana amathathu, i-Eternal. Limnandi icwecwe lakhe.
lcwecwe elithi Man With The Fun IikaMAXl PRIEST liphikisa abo
bamazi ecula
ireggae. Umculo wakhe uwuxube nefusion
engayiwayo kwiingoma zokujuxuza.
lcwecwe elithi 3 ls
Family IikaDANA DAWSON liza kukuthabathekisa. Le mvumi iphenjelelwe ngumculo ngeyiwucule ngaphambili, obandakanya owawucula kwiBroadway eseneminyaka esi-8.
UReturn Of The Mack
kaMARK MORRISON ubonakalisa ukuvela kwenzalelwane entsha engumonwabisi ngokwenene, kwiR&B nakwicontemporary.
lngoma ethi Changed, ethi Lets Get Down nethi Crazy zezinye zeengoma ekumnandi ukuziphulaphula.
USUNSET PARK,
odlalwa kwimiboniso, uneengoma eziculwa ziimvumi eziliqela ezaziwayo ezishicilelwe kwidiski enye.
Kukho nengoma kaMC Lyte ethi Keep On Keepin On, eye2PAC efhi Till / Die, ekaWU Tang efhi Motherless chlld, kunye nezinye iingoma ezimnandi.












36 BONA XHOSA - December 1 996




























N
 GAPHANDLE kokubalasela ngomculo iCapital Radio inedumasi lokusasaza iindaba njengokuba zinjalo. Esi sikhululo besisoloko siluncedo ngaloo nto ingakumbi kwiminyaka yorhulumente wocalulo owayenemithetho engqongqo.
ICapital Radio yayingankwantyi ekusasazeni iindaba zeANC eyayingumbutho owawuvalw 'umlomo ngezo mini. Ubungeva iindaba ezingamapolisa acingelwa ukuba aphembelele udushe, ndaba ezo ziveza amanyundululu karhulumente, nebezingahlalutywa sisithululo sosasazo sikarhu1umente. ICapital News yayiliziko Iemfundo.
Njengoko iCapital yayinembali ebangela iqhayiya, ibe nenyathelo elikhulu ekuye kwafuneka ilithabathe xa kugqitywa ekubeni ilungiselelwe abantu abathile. Kuye kwafuneka ilungiselelwe abantu abazaziyo ezintsha, abantu abaza kuqaqambisa ubomi babantu baseMzantsi-Afrika abaphuma kuzo zonke iinkalo, abantu kweli abathanda iingoma ezisandul ukushicilelwa, iindaba ezingangxengwanga nezemidlalo.
Emva kokucokisa iCapital igqibe ekuzakheleni abaphulaphuli abangabona bantu banefuthe ezidolophini. Ijolise kwabaneminyaka ephakathi kwe-16 nama-24 abafuna ukwaziswa, ukonwatyiswa nabathanda ukuhlala besazi okuqhubeka emculweni.
Eli nyathelo libonisile ukuba iCapital izimisele ukuvelisa izinto ezintsha. Nasi isikhululo ebesikwazi ncam esikufunayo, nendlela yokukufumana.
Isiqalo kube kukucwangciswa ngokutsha kwamaxesha abangena ngawo abasasazi, nto leyo ibiyimfuneko ukuze ucwangciseke kakuhle umculo. USteve Bishop oligqala leCapital usasaza inkqubo yeBreakfast Show enazo zonke iingoma ezinkqenkqeza pbambiii, iindaba zaseMzantsi-Afrika nezehlabathi, ezemidlalo nezokuhamba kwezithuthi ezindleleni. Indlela onwabisa ngayo imenze wangumsasazi othandwayo kweli.
Okulandeleyo kube sisigqibo sokuba kubuyiswe inkqubo yeTalk Radrio. Le nkqubo inikwe obefudula ekwiBreakfast Show, uAlan Khan. Ungumsasazi oqeqeshiweyo, kanti njengokuba ekhe wasebenza kwigumbi leendaba nezemidlalo, ubengoyena ubefanele unokukhethelwa Ie nkqubo yeendaba ezixigundaba-mlonyeni. Kungekudala, iCapital Live iye yadlan'
 CAPITAL RADIOI Iqalise lindlela
Ezintsha Zosasazo EMzantsi-Afrika
Ukususela mhla iqala ukusasaza ngoDisemba
Ka-1979, iCapital Radio ikhule yasisikhululo
sosasazo esiphambili esizimeleyo. ICapital Radio isoloko ifumana abasasazi abatsha
abaneziphiwo, yathi gqi nesimbo sayo esikhethekileyo sokusasaza kwaye iyaqhubeka nokukhupha uncuthu lomculo waseMzantsiAfrika
nowamazwe ngamazwe..

indlebe noBantu Holomisa, uRichard Branson, uJames Small noPenny Heyns. ICapita1 Live yinkqubo yokudlan' iindlebe nabantu abasezindabeni.
Abantu bathi akukho nto ibaluleke njengokuba namava, ngubani onelizwi elipholileyo njengoAllan Pierce nelilungele inkqubo yangelantshi. Indlela yakhe yokonwabisa nokukwazi ukukhetha umculo kwenza uAllan alenze lonwabise ixesha lasemva kwemini.
Ngenjika-Ianga nguRavi Naidoo osasazayo, kule nkqubo usasaza amabali amnandi eentshatsheli ezithandwayo ngabantu. Kule nkqubo uRavi utsalelwa umnxeba ngabantu abafuna ukudlalelwa iingoma, kanti ufumana nethuba lokusasaza icwecwe eligqwesayo kuloo veki aze akuthele thsuphe esikukholelwa ukuba kubalasele
kwezentengiso.
Inkqubo yokugoduka isasazwa nguKenny Maistry otsho ngoncuthu lomculo othabatha iiyure ezintathu. Kule nkqubo uKenny utsho ngezona ngoma zakweli ezisandul ukushicilelwa nezijoliswe ekuthimbeni ulutsha IwaseMzantsi-Afrika. UKenny ukwanokhuphiswano olwenza iifowuni zethu zisoloko zikhala.
Urhatya lwemivundla lolukaRichard Jardine noAlan Khan. Badibana ngenkqubo ethi HaIf-Time Sport ethabatha imizuzu


nkqubo kaKenny
Maistry ineengoma ezintsha.









UMphathi
weCapital Radio, uFred Pearson.




Ukonwabisa kukasteve Bishop kumenze wathandwa ngabaphulaphuli.
y
URichard Jardine.
ziyasasazwa. Kutheni uqesha idisko? Yekela uNaidoo anonwabise ngenkqubo ethi Hot Mix.
NgeeCawe, sikuphumza ngomculo weklasikhi nokunye okuninzi othanda ukukuva. Umculo ukhala emva komnye, akuncokolwa kakhulu kule nkqubo. lnkqubo yenjika-langa isasazwa nguRavi
Kukho inkqubo ethi Solid Gold, Capital Naidoo. Inkqubo yakhe inamabali Classics. Emva kwemini ngeCawe kukho ngezlnye iimvumi ezithandwayo. inkqubo ethi Sunday Sport Special, aze
ujustice Ramahlola ngorhatya athulule ijazz.








engamashuini amathathu uiiikwa iindaba zemidlalo kweli. Ukuze wazi okuqhubeka kwezemidlalo, baz iindlebe kule nkqubo.
Ukuba ufuna ukonwatyiswa, uthando neengoma zamva nje, ijust Ice engangxengwanga isisisombulu1o. Ujustice Ramohlo]a ongoyena msasazi waseMzantsi-Afrika onamava unayo yonk into elungele wena, qho ngorhatya. Nakanjani le yinkqubo etsho ngoncuthu lomculo.
Ebusuku inkqubo iphathwa nguMakhosi Khosa ongomnye wabasasazi abatsha abanefuthe kweli. Kuba enolwazi ngomculo wakweli ephelekwa ngumculo wasebusuku kwanaenabholo amva nje kwezolonwabo, ngekh ube lilolo kwiCozy Corner. Kwesikabhadakazi kusasaza abasasazi abatsha ababini u.Earmon Hill noDarren Simpson.
Akumnandi nje ukuyiqala intseni noAdriaan Rorvik wenkqubo ethi Dawn Patrol. Isimbo sakhe siyathandeka. Okubonayo, gxebe okuvayo kule nkqubo yinto oyifumanayo. Kungasathethwa ke ngomculo ingxelo ngokuhamba koololiwe neyemozulu iqukiwe ukuze uhlale ukwazi okuqhubekayo.
Iimpela-veki zinikelwe ekukonwabiseni kanobom. Ngeentsasa yangoMgqibelo, iCapital PepsiTop 40 Countdown lithuba Iakho lokuzivela iingorna ezinkqenkqeza phambili ezingama-40. Le yinkqubo egqwesayo kwezomculo kweli. Emva kwemini ngoMgqibelo ufumana iindaba ezintsha zemid1a1o zehlabathi liphela. URichard Jardine usasaza inkqubo ethi Saturday Sport Special, ekuchubela iindaba zemidlalo ezenzeka ngelo xesha ehlabathini.
Ixesha langokuhlwa lelokonwaba. Kukho inkqubo ethi The Hot Mix Show esasazwa nguRavi Naidoo nekuphela kwenkqubo esasaza ngqo yeengoma ezixutyiweyo eMzantsi-Afrika. Zonke iingoma ezishicilelwe kwiiklabu
Ngohlobo oluIulo lomcu1o nend1ela entsha yokungena kwabasasazi, iCapital Radio iye ibalasela. Kutheni uphulaphula ezinye izikhululo? uyazifuna izandi
ezintsha zehip. Zibandakanye kuyo, uyithande. Ngekh' ukholwe, isaqhubeka ibalasela emva kwe-17 Ieminyaka ikho.
ICapita1 Radio ...xa usiphuIaphula thina sikholo ukukonwabisa!!!



		BONA XHOSA - December 1 996 33

34 BONA XHOSA- December 1996

		BONA XHOSA- December 1996 37

